Eyemfuduko 2:2-6 Ibhayibhile (XHO96)

2. waza wanzima wayizalela unyana. Umfazi lowo ke wathi akubona indlela olwaluthandeka ngayo olo sana, walufihla lwada lwaneenyanga ezintathu.

3. Uthe akuba engasenako ukulufihla, walwenzela ibhaskiti ngemizi, waza wayityabeka ngetha, walufaka kuyo usana olo, waya kulubeka phakathi kweengcongolo elunxwemeni lomlambo.

4. Ke yena udade walo wayemi mganyana elugcinile.

5. Yesuka ke intombi kakumkani yeza kuhlamba apho emlanjeni. Ngeli thuba ke zona iintombi ezaziziimpelesi zenkosazana leyo zazizula-zula apho elunxwemeni lomlambo. Ithe ke, isahlamba njalo, yabona ibhaskiti eyayiphakathi kweengcongolo. Kwangoko yathuma enye yezo ntombi ukuba iye kuyithatha ize nayo.

6. Ifikile ke nayo ibhaskiti leyo, inkosazana yayivula. Tyhini! Kuthe kanti lusana! Ngeli xesha ke usana lona lwalulila. Ithe ke yakuba ilondele usana olo inkosazana leyo, kwatsho kwasika kuyo, yathi: “Olu sana luya kuba ngomnye wabantwana bamaHebhere.”

Eyemfuduko 2