Eyemfuduko 19:4-12 Ibhayibhile (XHO96)

4. ‘Niyibonile imimangaliso endiyenzileyo mna Ndikhoyo kumaJiputa, nokuba nani ndanisondeza ndanithwala ngokokhozi luthwele amathole alo.

5. Ngoku ke, ukuba niyandithobela, nenze ngokomnqophiso wam, niya kuba ngabantu bam ncakasana. Kaloku lelam ihlabathi liphela,

6. kambe ke nina niya kuba ngababingeleli basebhotwe, nibe luhlanga olulodwa.’ Ngawo la ke amazwi omawuwabhekise kumaSirayeli.”

7. UMosis wehla ke entabeni, wawadibanisa amadoda amakhulu, wawaneka umyalelo kaNdikhoyo phambi kwawo.

8. Aphendula ke amaSirayeli xa ewonke athi: “Zonke izinto azithethayo uNdikhoyo siya kuzenza.” UMosis wawugqithisa ke umlomo wamaSirayeli kuNdikhoyo.

9. UNdikhoyo wathi kuMosis: “Ndiza kuza kuwe ndikwilifu elingqingqwa, ukuze ndithethe nawe amaSirayeli ekho, khon' ukuze angaze akuthandabuze.” UMosis waxelela uNdikhoyo akuthethileyo amaSirayeli.

10. UNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Yitsho bonke abantu bazenze nyulu, bacoceke ngokupheleleyo namhlanje nangomso, balungiselele ukunqula. Impahla yabo mabayihlambe

11. ukuze ngomsomnye babe sebelungile. Ngaloo mini ke ndiya kuhla ndize apha eSinayi, nabantu bebukele.

12. Jikeleza intaba le, wenze umda ongayi kutsitywa ngamaSirayeli. Ngokunjalo baxelele abantu ukuba mabangasondeli okanye benyuke entabeni apho. Umntu okhe wathi cakatha entabeni apho makabulawe.

Eyemfuduko 19