4. Waza ke omnye wathi nguElizere, kuba esithi: “UThixo woobawo wandinceda wandihlangula kwikrele lokumkani waseJiputa.”
5. OoJetro ke badibana noMosis entlango, emise ngasentabeni kaThixo.
6. Lafika ke ilizwi kuMosis, livela kuJetro, esithi: “Ndiyeza nomkakho noonyana bakho bobabini.”
7. Waphuma ke uMosis, wabahlangabeza. Akufika kuyise womkakhe wakhahlela wamanga. Babuzana impilo ke, baya kungena endlwini kaMosis.
8. UMosis wabalisela uJetro ngazo zonke izenzo *zikaNdikhoyo kumaJiputa, ngokunjalo nangamasuka-ndihlala amaSirayeli ekuphumeni kwawo eJiputa ekhokelwa nguNdikhoyo.
9. UJetro wavuya kakhulu akuziva ezo ndaba zimnandi zokuhlangulwa kwamaSirayeli nguNdikhoyo kumaJiputa.
10. Wadanduluka wathi: “Makabongwe uNdikhoyo onihlangule kukumkani waseJiputa nabantu bakhe.
11. Ngoku nam ndiyangqina ukuba ehlabathini akakho olingana noNdikhoyo, kuba yena amaSirayeli uwahlangule kolungaka lona ulunya lwamaJiputa.”
12. Ngoko ke uJetro wenzela uThixo idini elitshiswayo neminye imibingelelo. Ke uAron, ekunye namadoda amakhulu akwaSirayeli, beza baxhamla izidlo ezo kunye noJetro umkhwe kaMosis, bekhonza uThixo.