Eyemfuduko 18:2-11 Ibhayibhile (XHO96)

2. Wasuka weza kuMosis, ehamba noZipora umka-Mosis,

3. noGershom noElizere oonyana bakhe, kuba kaloku bona wayebabuyisele ebukhweni bakhe. UMosis wathi xa ethiya omnye woonyana bakhe wathi nguGershom, kuba esithi: “Ndandingumbhaceli kwelasemzini.”

4. Waza ke omnye wathi nguElizere, kuba esithi: “UThixo woobawo wandinceda wandihlangula kwikrele lokumkani waseJiputa.”

5. OoJetro ke badibana noMosis entlango, emise ngasentabeni kaThixo.

6. Lafika ke ilizwi kuMosis, livela kuJetro, esithi: “Ndiyeza nomkakho noonyana bakho bobabini.”

7. Waphuma ke uMosis, wabahlangabeza. Akufika kuyise womkakhe wakhahlela wamanga. Babuzana impilo ke, baya kungena endlwini kaMosis.

8. UMosis wabalisela uJetro ngazo zonke izenzo *zikaNdikhoyo kumaJiputa, ngokunjalo nangamasuka-ndihlala amaSirayeli ekuphumeni kwawo eJiputa ekhokelwa nguNdikhoyo.

9. UJetro wavuya kakhulu akuziva ezo ndaba zimnandi zokuhlangulwa kwamaSirayeli nguNdikhoyo kumaJiputa.

10. Wadanduluka wathi: “Makabongwe uNdikhoyo onihlangule kukumkani waseJiputa nabantu bakhe.

11. Ngoku nam ndiyangqina ukuba ehlabathini akakho olingana noNdikhoyo, kuba yena amaSirayeli uwahlangule kolungaka lona ulunya lwamaJiputa.”

Eyemfuduko 18