Eyemfuduko 18:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku uyise womka-Mosis uJetro, owayengumbingeleli waseMidiyan, weva ngezinto awayezenzelwe nguThixo uMosis kunye namaSirayeli, ukubakhupha kwakhe eJiputa.

2. Wasuka weza kuMosis, ehamba noZipora umka-Mosis,

3. noGershom noElizere oonyana bakhe, kuba kaloku bona wayebabuyisele ebukhweni bakhe. UMosis wathi xa ethiya omnye woonyana bakhe wathi nguGershom, kuba esithi: “Ndandingumbhaceli kwelasemzini.”

Eyemfuduko 18