Eyemfuduko 13:19-22 Ibhayibhile (XHO96)

19. Ke kaloku uMosis wawathatha wahamba nawo amathambo kaJosefu, kuba uJosefu wayethe kumaSirayeli: “Ngenye imini uThixo uya kuze anivelele, anikhuphe nimke apha; ngoko ke fungani ukuba niya kuhamba nawo amathambo am.”

20. AmaSirayeli ke anduluka eSukoti, aya kuphumla e-Etam enyeleni yentlango.

21. Apho ke eluhambeni *uNdikhoyo wayewakhokela ngomqulu welifu emini, aze ebusuku awakhokele ngesithatha somlilo.

22. Lo mqulu welifu ke wawuhlala uhamba phambi kwawo emini, nesithatha somlilo sisenjenjalo ebusuku.

Eyemfuduko 13