Eyemfuduko 13:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wabhekisa kuMosis wathi:

2. “Ndiphawulele onke amazibulo azalwayo kwaSirayeli abe ngawam, nditsho awabantu nawemfuyo.”

3. UMosis wathetha nabantu wathi: “Ze ningaze niwulibale lo mhla wokukhululeka kwenu ebukhobokeni kwelaseJiputa. Kaloku nikhululwe bubungangamsha *bukaNdikhoyo. Ngawo makungatyiwa sonka sinyusiweyo.

4. Lo mhla wale nyanga inguAbhibhi yimini yokunduluka kwenu.

5. UNdikhoyo wabathembisa ookhokho benu ukuba uya kubanika ilizwe lamaKanana, amaHiti, ama-Amori, amaHivi, namaJebhusi. Nakufika kwelo lizwe lihle liyinzwakazi, livuza ubisi nobusi, ze nenze isikhumbuzo ngawo wona lo mhla wale nyanga minyaka le.

6. Niya kutya isonka esinganyuswanga iintsuku zibe sixhenxe. Ngolu lwesixhenxe ke niya kwenza itheko lokuwonga uNdikhoyo.

7. Niya kutya isonka esinganyuswanga iintsuku zibe sixhenxe; into evutyelweyo okanye igwele lingakhe lifumaneke kummandla wenu.

8. Xa nisenza eli theko ke, ze nibaxelele abantwana benu, nithi: ‘Ngalo mhla siwonga uNdikhoyo ngokusikhupha kwakhe eJiputa.’

9. Lo mbhiyozo ke uya kufana nomqondiso osesandleni okanye ebunzi, ukuze ningalibali ukubalisa ngommiselo kaNdikhoyo. Kaloku kwaba ngesandla sakhe ukuphuma kwenu eJiputa.

10. Ngoko ke eli siko lenzeni ngexesha lalo minyaka le.”

Eyemfuduko 13