Eyemfuduko 12:19-20-32 Ibhayibhile (XHO96)

2. “Le iya kuba yinyanga yenu yokuqala enyakeni.

3. Thetha namaSirayeli, uthi ngomhla weshumi kule nyanga umzi ngamnye mawuzifunele ixhwane.

4. Kambe ke ukuba umzi lowo unabantu abambalwa, awunako ukulitya uligqibe ixhwane, mawudibane nommelwane, yomibini ihlanganyele ixhwane elinye ngokobubanzi beentsapho zayo. Ngoko ke umzi ngamnye uya kulinganiselwa ixhwane kwangaphambili.

5. Ixhwane elo lichongwayo malingabi nasiphako, libe nonyaka ubudala. Ingalelegusha okanye elebhokhwe.

6. Maligcinwe kude kube ngumhla weshumi elinesine wenyanga, apho liya kuthi lonke ibandla lamaSirayeli liwaxhele amaxhwane alo ngorhatya.

7. Ngaloo mini ke baya kuthatha igazi lexhwane elo, bayidyobhe ngalo imigubasi yaloo ndlu batyela kuyo, ngapha nangapha naphezulu.

8. Ngobo busuku inyama leyo ze bayose, bayifake umthi womkrakriso, bayitye, bayidibanise nesonka esenziwe ngentlama engenagwele.

9. Ningakhe nilinge niyitye iluhlaza, okanye iphekiwe. Mayosiwe xa iyonke; nditsho nentloko namanqina nezibilini.

19-20. Ngezo ntsuku zisixhenxe malingabikho igwele ezindlwini zenu, kuba okhe watya into enegwele uya kuhlanjwa ebandleni likaSirayeli, noba uyinzalelwane, okanye ngumngeneleli. Naphi na apho nikhoyo ze nitye isonka esinganyuswanga; esinegwele ze ningasifaki emlonyeni.”

21. UMosis ke wawabiza amadoda amakhulu amaSirayeli, wathi kuwo: “Hambani ngoku nizifunele amaxhwane ngokwemizi yenu, nixhelele *iPasika.

22. Umntu makathathe amahlamvu ehisopu, awathi nkxu kwigazi lexhwane elisesityeni, afefe imigubasi yomibini naphezu kwayo. Akuyi kuphuma mntu ke apho kuloo ndlu kude kube kusasa ngengomso.

23. Kaloku xa *uNdikhoyo ejikeleza, ehamba ebulala amaJiputa, uya kuthi akubona igazi emigubasini, awugqithe loo mnyango, angamvumeli umtshabalalisi angene anibulale.

24. Ze niyilulamele le miyalelo ibe ngummiselo kuni nakwizizukulwana.

25. Naxa senide nafika nakwelo lizwe nathenjiswa ngalo nguNdikhoyo ze ningayilibali.

26. Niya kuthi ke xa nibuzwa ngabantwana benu ngalo msitho, besithi ngaba uthetha ntoni na,

27. nibaxelele nithi: ‘Ngalo msitho sitya idini lePasika lokudumisa uNdikhoyo, sikhumbula mhla wazigqitha izindlu zamaSirayeli eJiputa, mhlenikwezeni watshabalalisa amaJiputa, wasisindisa ke thina.’ ” AmaSirayeli ke asuka athi guqaqa, anqula uNdikhoyo.

28. Ahamba ke amaSirayeli aya kwenza ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis noAron.

29. Kwathi ke ezinzulwini zobusuku *uNdikhoyo walihlasela elaseJiputa, wawabulala onke amazibulo, kuqalela kwelikakumkani lowo wayengqendeve ebhotwe, kuye kuqhina kwelombanjwa owayengaphaya kwezitshixo, ngokunjalo nawemfuyo.

30. Ke kaloku ngobo busuku ukumkani, amaphakathi, nawo onke amaJiputa, baphaphama, bevuswa sisimbonono sesijwili. Kaloku kwakungekho mzi ungafelwanga.

31. Kwangobo busuku ukumkani waseJiputa wathumela buphuthu-phuthu ukuba kubizwe uMosis noAron. Befikile ke, wathi kubo: “Vukani nihambe, niphume phakathi kwabantu bam; nditsho nina namaSirayeli jikelele. Hambani niye kukhonza uNdikhoyo njengoko nanicelile.

32. Thathani konke okwenu, ningayishiyi imihlambi yenu yeenkomo, neegusha, neebhokhwe, niphel' emehlweni – nam nindithamsanqelise!”

Eyemfuduko 12