1. *UNdikhoyo wabayalela ooMosis noAron kwelaseJiputa, wathi:
2. “Le iya kuba yinyanga yenu yokuqala enyakeni.
3. Thetha namaSirayeli, uthi ngomhla weshumi kule nyanga umzi ngamnye mawuzifunele ixhwane.
4. Kambe ke ukuba umzi lowo unabantu abambalwa, awunako ukulitya uligqibe ixhwane, mawudibane nommelwane, yomibini ihlanganyele ixhwane elinye ngokobubanzi beentsapho zayo. Ngoko ke umzi ngamnye uya kulinganiselwa ixhwane kwangaphambili.
19-20. Ngezo ntsuku zisixhenxe malingabikho igwele ezindlwini zenu, kuba okhe watya into enegwele uya kuhlanjwa ebandleni likaSirayeli, noba uyinzalelwane, okanye ngumngeneleli. Naphi na apho nikhoyo ze nitye isonka esinganyuswanga; esinegwele ze ningasifaki emlonyeni.”