Eyemfuduko 1:8-11 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ke kaloku kwavela kumkani wumbi owayengazi nto ngoJosefu, wangumlawuli kwelaseJiputa.

9. Wabhekisa kubantu bakhe, wathi: “Niyawabona na ukwanda kwawo la maSirayeli, niqonda na ukuba aluqilima?

10. Ngoko ke masihlale sivundlile, hleze athi akwanda ngaphezu koku adibane neentshaba zethu ngexesha lemfazwe, asihlasele, afumane ithuba lokubaleka emke kweli lizwe.”

11. Ngoko ke, ukuwaphul' iimpondo amaSirayeli, amaJiputa awamisela iinduna, khon' ukuze asetyenziswe nzima. Zakhiwa ngolu hlobo ke izixeko zokumkani, iPitom neRamesi, ezazingoovimba.

Eyemfuduko 1