1. Nanga amagama oonyana bakaSirayeli abâfuduka kunye naye baya eJiputa nezindlu zabo:
2. uRubhen, uSimon, uLevi, noJuda;
3. uIsakare, uZebhulon, noBhenjamin;
4. uDan, uNafetali, uGadi, noAshere.
5. Bebonke abayinzala kaYakobi babengamashumi asixhenxe. Kaloku yena uJosefu wayeseleseJiputa kakade.
13-14. Ngoku ke aphatheka kabuhlungu amaSirayeli, akhohlakalelwa, enziwa amakhoboka ngamaJiputa. Latsho laxubayela ke ngakumaSirayeli, kuba asetyenziswa ekwenzeni izitena, nasemasimini, nakuyo yonke imisebenzi enzima. Aye ke ebhexeshwa kungekho lusini tu!
20-21. Ngenxa yokuba ababelekisi bemoyika uThixo, uThixo wabavuza ngeentsapho. Ke wona amaSirayeli aya esanda ngokwanda, aba luqilima.