Eyasentlango 9:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kwathi ke kaloku xa amaSirayeli akwintlango yaseSinayi, kwinyanga yokuqala kunyaka wesibini aphumayo kwelaseJiputa, *uNdikhoyo wathetha noMosis, wathi:

2-3. “Emalanga ngomhla weshumi elinesine wale nyanga kofuneka amaSirayeli aqalise umbhiyozo wesikhumbuzo *sePasika, ngokwezimiso nemigaqo yayo.”

4. Ngenene ke uMosis wawaxelela amaSirayeli ngePasika,

5. aza ke ngolo rhatya lomhla weshumi elinesine, kuloo nyanga yokuqala ayibhiyozela khona apho kwintlango yeSinayi. Yonke into yaqhutywa ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis.

6. Kanti ke kwabakho bantu bathile *babegqwaliswe kukuphatha isidumbu. Bona ke zange babe nako ukuthatha nxaxheba apho kuloo mbhiyozo ngaloo mini. Baya kuzixela kuMosis noAron,

7. bathi: “*Sinomlaza, kuba sichukumise isidumbu; kambe ke singathini ukuphoswa xa abanye benikela ngedini lePasika kuNdikhoyo?”

8. UMosis wathi: “Lindani ndide ndifumane ilizwi kuNdikhoyo.”

15-16. Ke kaloku kwathi mhla yagxunyekwa yemiswa intente *yesibingelelo enobungqina bomnqophiso lasuka lakhakhaba layambathisa ilifu. Ngokuhlwa kude kube kusasa ke eli lifu lalisuka libe ngumlilo odangazelayo.

Eyasentlango 9