Eyasentlango 7:8-89 Ibhayibhile (XHO96)

8. Bona abakwaMerari wabanika iinqwelo zane kunye nesibhozo seenkabi. Umsebezi wabo babeza kuwenza bekhokelwa nguItamare unyana ka-Aron.

9. AbakwaKohati bona uMosis akabanikanga zinqwelo nazinkabi, kuba kaloku bona izinto ezingcwele ababeziphatha babezithwala emagxeni.

10. Kananjalo iinkokheli zezisa neminikelo yokubhiyozela ukunikezelwa kweqonga lamadini.

11. Kaloku uNdikhoyo wathi kuMosis: “Zixelele iinkokheli ezo ukuba mazithathe ithuba elingangeentsuku ezilishumi elinambini, inkokheli nganye inikela izipho zayo ngosuku ngalunye, kulo mbhiyozo wokunikezelwa kweqonga lamadini.”

84-88. Ke zizonke izipho ezeziswa zezi nkokheli kumsebenzi wokunikezelwa kweqonga zazimi ngolu hlobo:Yayingamashumi amabini anane ezitya zesiliva ezibunzima buziikhilogram ezimashumi mabini anesixhenxe namakhulu amathandathu eegram;ishumi elinambini lezityana zegolide ezibunzima buyikhilogram enamakhulu amathathu namashumi amabini eegram zizele sisiqhumiso;ishumi elinambini leenkunzi zeenkomo, ishumi elinambini leenkunzi zeegusha, ishumi elinambini lamaxhwane, ngokunjalo nomnikelo weenkozo wedini elitshiswayo;ishumi elinambini leebhokhwe zedini lesono;amashumi amabini anesine eenkunzi zeenkomo, namashumi amathandathu eenkunzi zeegusha, amashumi amathandathu eebhokhwe, namashumi amathandathu amaxhwane, okwenza idini lobudlelwana.

89. UMosis wathi akungena esibingelelweni wathetha noNdikhoyo owavakala ethetha phezu kwesivalo setyesi enobungqina bomnqophiso phakathi kwezo *zithunywa zimaphiko.

Eyasentlango 7