Eyasentlango 7:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. Mhla wagqiba uMosis ukumisela *isibingelelo, wasithambisa, wasinikezela, sona nezixhobo zaso ndawonye neqonga lamadini nokwalo.

2. Zaza iinkokheli zezindlu zakwaSirayeli, kwaezo zazongamele ubalo,

3. zezisa iminikelo yazo esibingelelweni *kuNdikhoyo. Yaba ziinqwelo ezintandathu ezineetentyi neenkabi zeenkomo ezilishumi elinambini. Iinkokheli zadibana ngenqwelo ngambini, yaza yayileyo yakhupha inkabi yenkomo.Zakuba zizinikele ke,

4. uNdikhoyo wathi kuMosis:

5. “Ezi zipho zamkele ze zisetyenziswe esibingelelweni. Zigqithisele kubaLevi ngokwemisebenzi abajongene nayo.”

6. Ngoko ke uMosis wathatha ezo nqwelo kwakunye neenkabi ezo, wazinika abaLevi.

7. AbakwaGershon wabanika iinqwelo zambini neenkabi ezine.

8. Bona abakwaMerari wabanika iinqwelo zane kunye nesibhozo seenkabi. Umsebezi wabo babeza kuwenza bekhokelwa nguItamare unyana ka-Aron.

9. AbakwaKohati bona uMosis akabanikanga zinqwelo nazinkabi, kuba kaloku bona izinto ezingcwele ababeziphatha babezithwala emagxeni.

10. Kananjalo iinkokheli zezisa neminikelo yokubhiyozela ukunikezelwa kweqonga lamadini.

11. Kaloku uNdikhoyo wathi kuMosis: “Zixelele iinkokheli ezo ukuba mazithathe ithuba elingangeentsuku ezilishumi elinambini, inkokheli nganye inikela izipho zayo ngosuku ngalunye, kulo mbhiyozo wokunikezelwa kweqonga lamadini.”

Eyasentlango 7