Eyasentlango 6:22-27 Ibhayibhile (XHO96)

22. *UNdikhoyo wathi uMosis,

23. makayalele uAron noonyana bakhe ukuba bathamsanqele amaSirayeli benjenje:

24. “Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa uNdikhoyo,akulondoloze.

25. Wanga angayindlezane kuwe uNdikhoyo,usixhamle isisa sakhe.

26. Wanga angakwazelelela uNdikhoyo,akwambathise uxolo.”

27. Waza wathi ke uNdikhoyo: “Ukuba babiza igama lam bethamsanqela abantu bam amaSirayeli, nam ndiya kubathamsanqela.”

Eyasentlango 6