21. Lo ke ngumthetho obhekiselele kwilolo likaNdikhoyo omelwe kukufezekiswa. Ngaphezu koko lisenokunikela kangangoko ngokuqhutywa yintliziyo.
22. *UNdikhoyo wathi uMosis,
23. makayalele uAron noonyana bakhe ukuba bathamsanqele amaSirayeli benjenje:
24. “Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa uNdikhoyo,akulondoloze.
25. Wanga angayindlezane kuwe uNdikhoyo,usixhamle isisa sakhe.
26. Wanga angakwazelelela uNdikhoyo,akwambathise uxolo.”
27. Waza wathi ke uNdikhoyo: “Ukuba babiza igama lam bethamsanqela abantu bam amaSirayeli, nam ndiya kubathamsanqela.”