13. “Kothi ke lakuphela ithuba lesifungo selolo elo, kuqhutywe lo msebenzi: Ilolo liya kuya esangweni lesibingelelo
14. nezi ndidi zeegusha zingenasiphako: ixhwane eliliduna, loba lelokwenza idini elitshiswayo; ixhwane elilithokazi, lona libe leledini lesono; nenkunzi yegusha yokwenza idini lobudlelwana.
15. Ezi zinto zihamba nomnikelo weenkozo nowewayini. Uya kufaka ebhaskitini ezi ndidi zesonka ezinganyuswanga: izonka ezenziwe ngomgubo oxutywe namafutha nemiqathane ethanjiswe ngamafutha.
16. “Umbingeleli ke uya kuwathatha amaxhwane, awanikele uNdikhoyo, enze idini lesono nelitshiswayo.