Eyasentlango 6:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wagunyazisa uMosis,

2. wathi makayalele amaSirayeli, athi: “Nabani na, indoda okanye ibhinqa, owenza isifungo esisodwa sokuba abe *lilolo likaNdikhoyo, kuba efuna ukuba ngokaNdikhoyo qwaba,

3. makangaze asele iwayini natywala. Ewe, makangaze asele okanye atye nto eyenziwe ngeediliya.

4. Ngalo lonke ixesha aselilolo makangatyi okanye asele nayiphi na into ephuma emdiliyeni, angafaki nditsho nembewu okanye ixolo lediliya.

5. “Xa esephantsi kwesi sifungo makangachebi, angasusi neendevu ezi. Kaloku ngalo lonke elo xesha engokaNdikhoyo qwaba ubotshiwe sisifungo, ngoko ke makangaziphathi iinwele neendevu.

8. Kaloku xa esephantsi kwesi sifungo ulilolo likaNdikhoyo.

9. “Xa kwenzekile ukuba lowo ulilolo agqwaliseke ngokuba kufuphi nomntu osuke wafa ngebhaqo, kofuneka azigugule iinwele neendevu zakhe ngosuku lwesixhenxe, ukuze *ahlambuluke.

10. Ngosuku lwesibhozo ke uya kuthatha amahobe amabini, noba ngamavukuthu, eze nawo esangweni *lesibingelelo kumbingeleli.

Eyasentlango 6