Eyasentlango 5:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wathi kuMosis:

2. “Xelela amaSirayeli abakhuphele ngaphandle bonke abantu abanesifo solusu esisulelayo, nabophayo, noba *ngabanomlaza kukuphatha isidumbu.

3. Bonke *abagqwaliseke ngolu hlobo mabakhutshelwe ngaphandle kwelali apho nam ndihlala kunye nawo.”

4. Ngenene ke amaSirayeli ayenza le nto, abakhuphela phandle bonke abo bantu, njengoko uNdikhoyo wayalela uMosis.

5. *UNdikhoyo wanika uMosis

6. le miyalelo, wathi makayigqithisele kumaSirayeli, athi: “Nabani na, indoda okanye ibhinqa, obonakalisa ukunganyaniseki kuNdikhoyo ngokona omnye,

7. makayivume loo nto imbi ayenzileyo, akhuphe intlawulo ngokuzeleyo. Ngaphezu koko ke uya kukhupha nesiqingatha sesihlanu, naso asinike umntu lowo amonileyo.

12-14. wathi makayalele amaSirayeli, athi: “Kungenzeka ukuba indoda isole umkayo, imkrokrela ukuba unento yokwenza nenye indoda, kodwa yona ibe ingaqinisekanga, kuba umcimbi lowo ungathiwanga pahaha, futhi ke ingenangqina nabungqina buphathekayo, njengoko engabanjwanga umfazi lowo. Mhlawumbi kungenzeka ukuba indoda leyo ibinamagxa nje, kungekho nanto ibitheni ayenzileyo umfazi lowo.

29-30. “Lo ke ngumthetho mayela nendoda enobukhwele, ekrokrela ukuba umfazi wayo uyakrexeza. Umfazi lowo uya kumiswa esibingelelweni phambi koNdikhoyo, umbingeleli ke awuqhube loo msebenzi.

Eyasentlango 5