8. Phezu kwazo zonke ke ezi zinto baya kuthi wambu ilaphu elimfusa, baze balebele ngesikhumba esisukiweyo, bafake imiqobo yokubamba.
9. “Baya kuthatha ilaphu elizuba, bagqume isiphatho-zibane xa sisonke, isifinyiso saso, nezithetyana zaso, ngokunjalo nezitya zaso zeoyile.
10. Isibane nobuxhaka-xhaka baso mabasisonge ngesikhumba esisukiweyo, basibeke kumanqwanqwa okusiphatha.
11. “Iqonga legolide baya kuligquma ngelaphu elizuba, balebele ngesikhumba esisukiweyo, baze bafake imiqobo yokubamba.
12. Baya kuphinda ke bathathe izitya namacephe asetyenziswa esibingelelweni, bawasongele ngelaphu elizuba, bagqume ngesikhumba esisukiweyo, bazibeke phezu kwamanqwanqwa okuziphatha.