26. imikhusane neentsontela zenkundla jikelele, imikhusane yesango lenkundla, nazo zonke izixhobo ezisetyenziswa kwezi zinto. Umsebenzi wabo ke uya kunxulumana nezi zinto.
27. Wonke umsebenzi wawo amaGershon makawenze phantsi kweliso lika-Aron noonyana bakhe, abaya kuwayalela izinto amakazithwale namakazenze.
28. Le ke yimisebenzi yamaGershon esibingelelweni. Aya kuyenza ekhokelwa nguItamare unyana kambingeleli uAron.
29. *UNdikhoyo wayalela uMosis ukuba abale abaLevi bakwaMerari ngokwezindlu nemizi yabo.
30. Wathi makabhalise onke amadoda akubudala obungamashumi amathathu ukuya kumashumi amahlanu eminyaka, onke awayefanelekile ukuba angasebenza *esibingelelweni.
31. Umsebenzi wabo ke uya kuba kukuphatha izibonda zesibingelelo, iintsika, neziseko zazo;
32. neentsika neziseko, izikhonkwane neentsontela zenkundla jikelele, nazo zonke izinto ezisetyenziswa kuyo. Indoda nganye iya kumiselwa izinto emayiziphathe.
33. Le ke yimisebenzi yamaMerari esibingelelweni. Aya kuyenza ekhokelwa nguItamare unyana kambingeleli uAron.
34-48. Ngokomlomo *kaNdikhoyo uMosis, uAron, neenkokheli zamaSirayeli babala abaLevi bakwaKohati, abakwaGershon, nabakwaMerari. Bababhalisa ngokwezindlu nemizi yabo, bebhalisa onke amadoda akubudala bamashumi amathathu ukuya kumashumi amahlanu eminyaka. Babhalisa onke amadoda awayefanelekile ukuba angasebenza *esibingelelweni.Bawabala ngolu hlobo: Indlu Inani AbakwaKohati 2 750 AbakwaGershon 2 630 AbakwaMerari 3 200 Bebonke: 8 580
49. Indoda nganye yabhaliswa ngokwelizwi likaNdikhoyo kuMosis. Kwangaloo myalelo indoda nganye yabelwa owayo umsebenzi, ikhonjiswa into emayiyithwale.