Eyasentlango 4:18-19-32 Ibhayibhile (XHO96)

2. ukuba babale abaLevi bakwaKohati ngokwezindlu nemizi yabo.

3. Wathi mababhalise onke amadoda akubudala obungamashumi amathathu ukuya kumashumi amahlanu eminyaka, onke awayefanelekile ukuba angasebenza *esibingelelweni.

4. Umsebenzi wabo ke wawunxulumene nezona zinto zingcwele.

5. UNdikhoyo wayalela uMosis wenjenje: “Lakufika ixesha lokunduluka, uAron noonyana bakhe mabakhulule umkhusane ovalele ityesi yomnqophiso, bagqume ityesi leyo ngawo.

6. Mabayigqume ngesikhumba esisukiweyo, babeke ilaphu elizuba ngaphezulu, bandule ke ukufaka imiqobo yokubamba.

7. “Mabaneke ilaphu elizuba phezu kwetafile ehlala isonka esinikelwe uNdikhoyo, babeke iipleyiti phezu kwayo, nezitya zesiqhumiso, izitya zomnikelo, neendebe zomnikelo othululwayo. Ke isonka esihlala phezu kwetafile masingasuswa.

8. Phezu kwazo zonke ke ezi zinto baya kuthi wambu ilaphu elimfusa, baze balebele ngesikhumba esisukiweyo, bafake imiqobo yokubamba.

9. “Baya kuthatha ilaphu elizuba, bagqume isiphatho-zibane xa sisonke, isifinyiso saso, nezithetyana zaso, ngokunjalo nezitya zaso zeoyile.

18-19. mababalumkele abakwaKohati bangasondeli kwezi zinto zingcwele, hleze bafe. Ukuthintela loo ngozi ke wathi uAron noonyana bakhe mabangene kuqala, babele ulowo nalowo umKohati umsebenzi nento aza kuyiphatha.

20. Kambe ke ukuba amaKohati angenile esibingelelweni, aza azibona nakancinane ezi zinto zingcwele, aya kufa.

21. *UNdikhoyo wayalela uMosis

22. ukuba abale abaLevi bakwaGershon ngokwezindlu nemizi yabo.

23. Wathi makabhalise onke amadoda akubudala obungamashumi amathathu ukuya kumashumi amahlanu eminyaka, onke awayefanelekile ukuba angasebenza *esibingelelweni.

24. Umsebenzi wabo ke yayikukuphatha ezi zinto:

25. intente (eyangaphakathi neyangaphandle) nesigqubuthelo sayo, nesikhumba esisukiweyo, umkhusane wesango,

26. imikhusane neentsontela zenkundla jikelele, imikhusane yesango lenkundla, nazo zonke izixhobo ezisetyenziswa kwezi zinto. Umsebenzi wabo ke uya kunxulumana nezi zinto.

27. Wonke umsebenzi wawo amaGershon makawenze phantsi kweliso lika-Aron noonyana bakhe, abaya kuwayalela izinto amakazithwale namakazenze.

28. Le ke yimisebenzi yamaGershon esibingelelweni. Aya kuyenza ekhokelwa nguItamare unyana kambingeleli uAron.

29. *UNdikhoyo wayalela uMosis ukuba abale abaLevi bakwaMerari ngokwezindlu nemizi yabo.

30. Wathi makabhalise onke amadoda akubudala obungamashumi amathathu ukuya kumashumi amahlanu eminyaka, onke awayefanelekile ukuba angasebenza *esibingelelweni.

31. Umsebenzi wabo ke uya kuba kukuphatha izibonda zesibingelelo, iintsika, neziseko zazo;

32. neentsika neziseko, izikhonkwane neentsontela zenkundla jikelele, nazo zonke izinto ezisetyenziswa kuyo. Indoda nganye iya kumiselwa izinto emayiziphathe.

Eyasentlango 4