13. Mabasuse uthuthu kwiqonga lamadini, baligqume ngelaphu elimsobo.
14. Phezu kwalo ke mababeke zonke izinto ezisetyenziswa kulo: iipleyiti zomlilo, iifolokhwe, iifotsholo, nezitya. Kamva ke baya kuligquma ngesikhumba esisukiweyo, balifake imiqobo yokubamba.
15. Ngexesha lokuhamba ke kuya kuthi xa uAron noonyana bakhe sebegqibile ukuzisonga nokuziqoqosha zonke ezi zinto zingcwele, beze abakwaKohati, bazokuzithatha baziphathe. Kodwa ke mabangazichukumisi, hleze bafe.“Lo msebenzi wokuthwala impahla yesibingelelo ngumsebenzi wamaKohati nanini na xa kufudukwa.
16. “Ke yena uElazare, unyana ka-Aron, uya kongamela isibingelelo siphela, nako konke okwaso: ioyile yezibane, isiqhumiso, umnikelo weenkozo, namafutha okuthambisa – oko kukuthi isibingelelo nempahla yaso yangaphakathi.”
17. UNdikhoyo wabayalela ooAron noMosis, wathi
18-19. mababalumkele abakwaKohati bangasondeli kwezi zinto zingcwele, hleze bafe. Ukuthintela loo ngozi ke wathi uAron noonyana bakhe mabangene kuqala, babele ulowo nalowo umKohati umsebenzi nento aza kuyiphatha.
20. Kambe ke ukuba amaKohati angenile esibingelelweni, aza azibona nakancinane ezi zinto zingcwele, aya kufa.
21. *UNdikhoyo wayalela uMosis
22. ukuba abale abaLevi bakwaGershon ngokwezindlu nemizi yabo.
23. Wathi makabhalise onke amadoda akubudala obungamashumi amathathu ukuya kumashumi amahlanu eminyaka, onke awayefanelekile ukuba angasebenza *esibingelelweni.
24. Umsebenzi wabo ke yayikukuphatha ezi zinto:
25. intente (eyangaphakathi neyangaphandle) nesigqubuthelo sayo, nesikhumba esisukiweyo, umkhusane wesango,
26. imikhusane neentsontela zenkundla jikelele, imikhusane yesango lenkundla, nazo zonke izixhobo ezisetyenziswa kwezi zinto. Umsebenzi wabo ke uya kunxulumana nezi zinto.
27. Wonke umsebenzi wawo amaGershon makawenze phantsi kweliso lika-Aron noonyana bakhe, abaya kuwayalela izinto amakazithwale namakazenze.
28. Le ke yimisebenzi yamaGershon esibingelelweni. Aya kuyenza ekhokelwa nguItamare unyana kambingeleli uAron.
29. *UNdikhoyo wayalela uMosis ukuba abale abaLevi bakwaMerari ngokwezindlu nemizi yabo.
30. Wathi makabhalise onke amadoda akubudala obungamashumi amathathu ukuya kumashumi amahlanu eminyaka, onke awayefanelekile ukuba angasebenza *esibingelelweni.