1. *UNdikhoyo wayalela uMosis noAron
2. ukuba babale abaLevi bakwaKohati ngokwezindlu nemizi yabo.
3. Wathi mababhalise onke amadoda akubudala obungamashumi amathathu ukuya kumashumi amahlanu eminyaka, onke awayefanelekile ukuba angasebenza *esibingelelweni.
4. Umsebenzi wabo ke wawunxulumene nezona zinto zingcwele.
5. UNdikhoyo wayalela uMosis wenjenje: “Lakufika ixesha lokunduluka, uAron noonyana bakhe mabakhulule umkhusane ovalele ityesi yomnqophiso, bagqume ityesi leyo ngawo.
6. Mabayigqume ngesikhumba esisukiweyo, babeke ilaphu elizuba ngaphezulu, bandule ke ukufaka imiqobo yokubamba.
7. “Mabaneke ilaphu elizuba phezu kwetafile ehlala isonka esinikelwe uNdikhoyo, babeke iipleyiti phezu kwayo, nezitya zesiqhumiso, izitya zomnikelo, neendebe zomnikelo othululwayo. Ke isonka esihlala phezu kwetafile masingasuswa.
8. Phezu kwazo zonke ke ezi zinto baya kuthi wambu ilaphu elimfusa, baze balebele ngesikhumba esisukiweyo, bafake imiqobo yokubamba.
9. “Baya kuthatha ilaphu elizuba, bagqume isiphatho-zibane xa sisonke, isifinyiso saso, nezithetyana zaso, ngokunjalo nezitya zaso zeoyile.
18-19. mababalumkele abakwaKohati bangasondeli kwezi zinto zingcwele, hleze bafe. Ukuthintela loo ngozi ke wathi uAron noonyana bakhe mabangene kuqala, babele ulowo nalowo umKohati umsebenzi nento aza kuyiphatha.
34-48. Ngokomlomo *kaNdikhoyo uMosis, uAron, neenkokheli zamaSirayeli babala abaLevi bakwaKohati, abakwaGershon, nabakwaMerari. Bababhalisa ngokwezindlu nemizi yabo, bebhalisa onke amadoda akubudala bamashumi amathathu ukuya kumashumi amahlanu eminyaka. Babhalisa onke amadoda awayefanelekile ukuba angasebenza *esibingelelweni.Bawabala ngolu hlobo: Indlu Inani AbakwaKohati 2 750 AbakwaGershon 2 630 AbakwaMerari 3 200 Bebonke: 8 580