Eyasentlango 4:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wayalela uMosis noAron

2. ukuba babale abaLevi bakwaKohati ngokwezindlu nemizi yabo.

3. Wathi mababhalise onke amadoda akubudala obungamashumi amathathu ukuya kumashumi amahlanu eminyaka, onke awayefanelekile ukuba angasebenza *esibingelelweni.

4. Umsebenzi wabo ke wawunxulumene nezona zinto zingcwele.

5. UNdikhoyo wayalela uMosis wenjenje: “Lakufika ixesha lokunduluka, uAron noonyana bakhe mabakhulule umkhusane ovalele ityesi yomnqophiso, bagqume ityesi leyo ngawo.

6. Mabayigqume ngesikhumba esisukiweyo, babeke ilaphu elizuba ngaphezulu, bandule ke ukufaka imiqobo yokubamba.

7. “Mabaneke ilaphu elizuba phezu kwetafile ehlala isonka esinikelwe uNdikhoyo, babeke iipleyiti phezu kwayo, nezitya zesiqhumiso, izitya zomnikelo, neendebe zomnikelo othululwayo. Ke isonka esihlala phezu kwetafile masingasuswa.

8. Phezu kwazo zonke ke ezi zinto baya kuthi wambu ilaphu elimfusa, baze balebele ngesikhumba esisukiweyo, bafake imiqobo yokubamba.

9. “Baya kuthatha ilaphu elizuba, bagqume isiphatho-zibane xa sisonke, isifinyiso saso, nezithetyana zaso, ngokunjalo nezitya zaso zeoyile.

10. Isibane nobuxhaka-xhaka baso mabasisonge ngesikhumba esisukiweyo, basibeke kumanqwanqwa okusiphatha.

11. “Iqonga legolide baya kuligquma ngelaphu elizuba, balebele ngesikhumba esisukiweyo, baze bafake imiqobo yokubamba.

Eyasentlango 4