Eyasentlango 35:6-20 Ibhayibhile (XHO96)

6. AbaLevi ze nibanike iidolophu zibe ntandathu, apho umntu angabalekela khona xa abulele omnye ngengozi. Ngaphezu koko ke banikeni ezinye iidolophu zibe ngamashumi amane anambini

7. ndawonye namadlelo azo, ukuze ke zibe ngamashumi amane anesibhozo zizonke.

8. Inani leedolophu ezinikwa abaLevi kwindlu nganye loxhomekeka kubungakanani bomhlaba waloo ndlu. Kweneedolophu ezininzi phungula kakhulu; kweneedolophu ezimbalwa phungula kancinci.”

9. *UNdikhoyo wathetha noMosis,

10. wathi makathethe namaSirayeli, athi: “Nakuba niyiwelile iJordan nangena kwelaseKanana,

11. ze nimise iidolophu apho umntu angabalekela khona xa ebulele omnye ngengozi.

12. Xa elapho ke woba usindile kwimpindezelo yesizalwana sikamfi. Umntu otyholwa ngokubulala omnye akufuneki abulawe lingakhange lithethwe enkundleni ityala lakhe.

13. Khethani iidolophu zokuphephela zibe ntandathu,

14. zibe ntathu ngaphesheya empuma yomlambo iJordan, zibe kwantathu nganeno kwelaseKanana.

15. Ezi dolophu zoba yindawo yokubalekela kumaSirayeli, kanti nakwiintlanga ezingabangeneleli okanye abemi. Nabani na ke obulele umntu ngengozi woba nokubalekela kwenye yazo.

19. Uxanduva lokubulala isigwinta eso loba phezu kwesizalwana esingumphindezeli. Apho sisifumene khona masisibulale eso sigwinta.

20. “Ukuba umntu unomntu amzondayo waza wambulala ngokumeyelisela, ukumgibisela ngento, okanye ukumlalela,

Eyasentlango 35