Eyasentlango 35:33-34 Ibhayibhile (XHO96)

33. Ze ningalifaki *umlaza ilizwe lakowenu. Kaloku ubugwinta buyalingcolisa ilizwe. Ibe ke ucamagushelo alunakwenzelwa ilizwe ekuphalazwe igazi kulo, ngaphandle kokuba kuphalazwe igazi lesigwinta eso.

34. Ningaze nilifake umlaza ilizwe enihlala kulo; kaloku mna ndinguNdikhoyo, ndihlala phakathi kwabantu bam amaSirayeli.”

Eyasentlango 35