23. okanye mhlawumbi umntu ubethe omnye ngelitye engamboni, engenazinjongo, engelulo natshaba lwakhe,
24. kwimeko enjalo ityala maligwetywe yinkundla, nayo ke igwebele lo ubuleleyo, ingesiso isizalwana sikamfi esifuna impindezelo.
25. Inkundla mayimhlangule umbulali lowo kwisizalwana sikamfi; makabuyiselwe kwakuloo dolophu ebephephele kuyo. Umbulali lo ke makahlale apho kude kufe loo mntu ungumbingeleli omkhulu kwelo thuba, lowo uthanjiswe ngamafutha angcwele.
26. Kambe ke ukuba umbulali lowo umkile apho kuloo dolophu ebephephele kuyo,
27. waza ke wabhaqwa, wabulawa sisizalwana sikamfi, eso senzo sempindezelo asilotyala lakubulala.
28. Loo mntu ubuleleyo makahlale apho kuloo dolophu yokuphephela kude kufe umbingeleli omkhulu; emva koko ke angagoduka.
29. Le mimiselo ke iya kubopha nina nezizukulwana zenu noba seniphi na.
30. “Umntu otyholwa ngokubulala angáfunyanwa enetyala aze abulawe kuphela xa kukho amangqina; ke lona ingqina elinye alanele ukuxhasa isityholo sombulali.
31. Isigwinta masibulawe. Mayingamkelwa intlawulo yokusindisa ubomi baso.
32. Ukuba umntu ubalekele kwidolophu yokuphephela makangavunyelwa akhuphe intlawulo khon' ukuze abe nokugoduka engekafi umbingeleli omkhulu.
33. Ze ningalifaki *umlaza ilizwe lakowenu. Kaloku ubugwinta buyalingcolisa ilizwe. Ibe ke ucamagushelo alunakwenzelwa ilizwe ekuphalazwe igazi kulo, ngaphandle kokuba kuphalazwe igazi lesigwinta eso.
34. Ningaze nilifake umlaza ilizwe enihlala kulo; kaloku mna ndinguNdikhoyo, ndihlala phakathi kwabantu bam amaSirayeli.”