2. “Xelela amaSirayeli ukuba kuloo mihlaba ayinikiweyo makahlulele abaLevi iidolophu ezithile ndawonye namadlelo azingqongileyo.
3. Zona ke zoba zezabaLevi, bahlale kuzo. Ke wona amadlelo oba ngawemfuyo yabo.
4. Amadlelo makasuke kwiindonga zesixeko abhekele phaya isithuba esingamakhulu amane anamashumi amahlanu eemitha macala,
5. khon' ukuze ubekho ummandla olinganayo ongamakhulu asithoba eemitha ngapha nangapha, isixeko sona siphakathi.
6. AbaLevi ze nibanike iidolophu zibe ntandathu, apho umntu angabalekela khona xa abulele omnye ngengozi. Ngaphezu koko ke banikeni ezinye iidolophu zibe ngamashumi amane anambini
7. ndawonye namadlelo azo, ukuze ke zibe ngamashumi amane anesibhozo zizonke.
8. Inani leedolophu ezinikwa abaLevi kwindlu nganye loxhomekeka kubungakanani bomhlaba waloo ndlu. Kweneedolophu ezininzi phungula kakhulu; kweneedolophu ezimbalwa phungula kancinci.”
9. *UNdikhoyo wathetha noMosis,
16-18. “Kambe ke yena umntu obulele omnye esebenzisa isixhobo esiyintsimbi, ilitye, okanye umthi, woba netyala lokubulala, isigwebo sakhe ibe kukubulawa.
19. Uxanduva lokubulala isigwinta eso loba phezu kwesizalwana esingumphindezeli. Apho sisifumene khona masisibulale eso sigwinta.
20. “Ukuba umntu unomntu amzondayo waza wambulala ngokumeyelisela, ukumgibisela ngento, okanye ukumlalela,
21. noba kukumbetha ngamanqindi, loo mntu unetyala lokubulala, makabulawe. Uxaduva lokubulala eso sigwinta loba kwisizalwana esingumphindezeli womfi lowo; ngoko ke masisibulale apho sisifumene khona.
22. “Kambe ke ukuba umntu ubulele omnye ngengozi, kungengakuba ebemzonda, noba umbulele ngokumeyelisela okanye ukumgibisela ngento,
23. okanye mhlawumbi umntu ubethe omnye ngelitye engamboni, engenazinjongo, engelulo natshaba lwakhe,
24. kwimeko enjalo ityala maligwetywe yinkundla, nayo ke igwebele lo ubuleleyo, ingesiso isizalwana sikamfi esifuna impindezelo.
25. Inkundla mayimhlangule umbulali lowo kwisizalwana sikamfi; makabuyiselwe kwakuloo dolophu ebephephele kuyo. Umbulali lo ke makahlale apho kude kufe loo mntu ungumbingeleli omkhulu kwelo thuba, lowo uthanjiswe ngamafutha angcwele.
26. Kambe ke ukuba umbulali lowo umkile apho kuloo dolophu ebephephele kuyo,
27. waza ke wabhaqwa, wabulawa sisizalwana sikamfi, eso senzo sempindezelo asilotyala lakubulala.
28. Loo mntu ubuleleyo makahlale apho kuloo dolophu yokuphephela kude kufe umbingeleli omkhulu; emva koko ke angagoduka.