Eyasentlango 35:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kuloo mathafa aseMowabhi phesheya kweJordan malunga neJeriko *uNdikhoyo wathetha noMosis, wathi:

2. “Xelela amaSirayeli ukuba kuloo mihlaba ayinikiweyo makahlulele abaLevi iidolophu ezithile ndawonye namadlelo azingqongileyo.

3. Zona ke zoba zezabaLevi, bahlale kuzo. Ke wona amadlelo oba ngawemfuyo yabo.

4. Amadlelo makasuke kwiindonga zesixeko abhekele phaya isithuba esingamakhulu amane anamashumi amahlanu eemitha macala,

5. khon' ukuze ubekho ummandla olinganayo ongamakhulu asithoba eemitha ngapha nangapha, isixeko sona siphakathi.

6. AbaLevi ze nibanike iidolophu zibe ntandathu, apho umntu angabalekela khona xa abulele omnye ngengozi. Ngaphezu koko ke banikeni ezinye iidolophu zibe ngamashumi amane anambini

7. ndawonye namadlelo azo, ukuze ke zibe ngamashumi amane anesibhozo zizonke.

16-18. “Kambe ke yena umntu obulele omnye esebenzisa isixhobo esiyintsimbi, ilitye, okanye umthi, woba netyala lokubulala, isigwebo sakhe ibe kukubulawa.

Eyasentlango 35