Eyasentlango 34:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wanika uMosis

2. le miyalelo, wathi makayigqithisele kumaSirayeli, athi: “Nantsi ke imida yelizwe laseKanana endinipha lona.

3. Umda wangezantsi uya kusuka kwintlango iZin, ubhijele kumda wase-Edom. Ngasempuma uya kuthatha kumazantsi oLwandle oluFileyo,

4. uhle ujonge kwinkalo yeAkrabhim, utyhutyhumeze ungene eZin, uyokuthi gaa ngeKadeshe-bhaneya. Ukuphuma apho uya kujonga emantla-ntshona, uye eHazare-adare, uphumele eAzemon,

5. apho uya kujika, ujonge kwiintili zemida yeJiputa, uyokuma ngolwandle olukhulu.

6. “Ngasentshona umda uya kuba lulwandle olukhulu.

14-15. Ke zona izindlu zikaRubhen, uGadi, kunye nesiqingatha sikaManase, zisifumene isabelo sazo ngokwemizi yazo ngaphesheya kwimpuma yeJordan malunga neJeriko.”

19-28. Nanga ke amagama eenkokheli ezo: Indlu Inkokheli KwaJuda uKalebhi unyana kaJefune KwaSimon uShemuweli unyana ka-Amihudi KwaBhenjamin uElidade unyana kaKiselon KwaDan uBhuki unyana kaJogeli KwaManase kaJosefu uHaniyeli unyana kaEfodi KwaEfrayim kaJosefu uKemuweli unyana kaShiftan KwaZebhulon uElizafan unyana kaParnaki KwaIsakare uPaltiyeli unyana ka-Azana Kwa-Ashere uAbhihudi unyana kaShelomi KwaNafetali uPedayeli unyana ka-Amihudi.”

Eyasentlango 34