52. ze nibakhuphe nibagxothe abemi bakhona. *Izithixo zabo ezenziwe ngobhedu nangamatye ze nizitshabalalise ndawonye neendawo abanqulela kuzo.
53. Ze nime nizinze kuloo mhlaba wabo, kuba niwuphiwa ndim.
54. Loo mhlaba wabo ze niwahlula-hlulele izindlu nemizi yenu *ngamaqashiso; imizi leyo ke ze niyabele ngokobubanzi bayo.
55. Kambe ke ukuba anibagxothanga bonke abemi balo, abo baseleyo boba yinkathazo njengeliso eliphandliweyo kuni, okanye kufane nokuba nihlatywe ngameva; ewe, bojika banilwe.
56. Ngaphezu koko ke ukuba anibagxothanga ndonitshabalalisa njengoko ndandizimisele ukutshabalalisa bona kakade.”