Eyasentlango 32:31-42 Ibhayibhile (XHO96)

31. Ke wona amaGadi namaRubhen aphendula athi: “Ewe, siya kwenza njengoko athethileyo uNdikhoyo.

32. Siya kuwela siye kwilizwe laseKanana, silwe siphantsi kwakhe, ukuze singaphulukani nesabelo sethu apha kwimpuma yeJordan.”

33. Ngoko ke uMosis wabela amaGadi, amaRubhen, nenxalenye yabakwaManase, wonke ummandla kakumkani uSihon wama-Amori, ndawonye nokakumkani uOgi waseBhashan, ngokunjalo needolophu namaphandle awujikelezileyo.

34. AmaGadi abuya azakha iidolophu ezinqatyisiweyo zaseDibhon, iAtaroti, iArohere,

35. iAteroti-shofan, iJazere, iJogebheha,

36. iBhete-nimra, neBhete-haran.

37. AmaRubhen ahlaziya iHeshbhon, iElale, iKiriatayim,

38. iNebho, iBhali-mehon (eli ke igama latshintshwa), neSibhema. Iidolophu abazakhayo bazithiya ngokutsha.

39. Ke bona abakwaMakire, unyana kaManase, bahlasela umhlaba waseGiliyadi, bawagxotha ama-Amori awayelapho, baza bema kuwo loo mhlaba.

40. Ngoko ke uMosis umhlaba waseGiliyadi wawunika indlu kaMakire, yema kuwo.

41. UJayire wendlu kaManase wahlasela iidolophana ezithile, waza wazithatha wazibiza ngokuba ziidolophana zikaJayire.

42. NoNobha wahlasela iKenati needolophana zayo, waza wayithiya ngaye, wathi yiNobha.

Eyasentlango 32