Eyasentlango 32:12-31 Ibhayibhile (XHO96)

3-4. “Lo mhlaba amaSirayeli awuphiwe *nguNdikhoyo – sitsho ezi dolophu: iAtaroti, iDibhon, iJazere, iNimra, iHeshbhon, iElale, iSebham, iNebho, neBheyoni – ungumhlaba olungele iinkomo, ibe ke nathi sineenkomo ezininzi.

12. “Esi sifungo ke sabandakanya bonke ngaphandle kukaKalebhi unyana kaJefune umKeni, noYoshuwa unyana kaNune. Kaloku bona bakholosa ngoNdikhoyo.

13. UNdikhoyo ke wakhathazeka, waza amaSirayeli wawabhadulisa entlango isithuba seminyaka engamashumi amane, sada safa saphela eso sizukulwana sasimonile.

14. Nina ke eningene ezihlangwini zooyihlo, nisisizukulwana esitsha esigwenxa esizimisele ukuhlisela umsindo kaNdikhoyo phezu kwamaSirayeli kwakhona.

15. Nani ke, maRubhen namaGadi, ukuba niyala ukunamathela kuye ngoku, uya kuphinda awalahle entlango amaSirayeli, ize ke intshabalalo yawo ibe yimhemhe yenu.”

16. Ke wona asuka aya kuMosis, ambongoza athi: “Sivumele sakhele iigusha zethu iintlanti, futhi sakhele iintsapho zethu iidolophu.

17. Sizimisele ukuxhoba siwakhokele amawethu emadabini, siwancedise ade awume loo mhlaba uza kuba ngowawo. Ke zona iintsapho zethu siya kuzishiya zihleli kwiidolophu ezinqatyisiweyo, zingabi nakuchukunyiswa ngabantu beli lizwe.

18. Thina ke soze sibuye ngaphandle kokuba ade onke amaSirayeli asifumane isabelo sawo kwelo lizwe.

19. Ngokunjalo ke thina soze sifumane sabelo samhlaba phaya phesheya kweJordan, kuba kaloku esethu nasi ngeneno empuma yeJordan.”

20. UMosis waphendula wathi: “Xa kunjalo ke, zilungiseleleni apha phambi kukaNdikhoyo, nizimisele ukuya edabini.

21. Onke amajoni enu kufuneka awele iJordan ekhokelwe nguNdikhoyo, azihlasele iintshaba zakhe ade azoyise, uNdikhoyo

22. awohluthe umhlaba wazo. Emva koko ke noba nako ukubuya; kaloku noba nimanelisile uNdikhoyo ndawonye namawenu. Ke wona lo mhlaba woba sisabelo senu enisinikwe nguNdikhoyo.

23. Kambe ke ukuba anisifezekisanga esi sithembiso, ze nazi ukuba nimonile uNdikhoyo, ibe ke sona isono senu siya kuba yinto kuni.

24. Ngoko ke yakhelani iintsapho zenu iidolophu, nakhele nemfuyo yenu iintlanti, kambe nisifezekise isithembiso senu.”

25. Ke kaloku amaGadi namaRubhen aphendula athi: “Izicaka zakho ziya kwenza ngokwelizwi lakho, mhlekazi.

26. Iintsapho zethu neenkomo neegusha zona ziya kusala apha kwezi dolophu zaseGiliyadi.

27. Ke thina sonke sesilungele ukungena phantsi koNdikhoyo. Soxhoba siyiwele iJordan; siya kulwa emfazweni ngokomyalelo wakho.”

28. UMosis wayalela uElazare, uYoshuwa, nezinye iinkulu zezindlu zamaSirayeli,

29. wathi: “Ukuba amaGadi namaRubhen ayiwelile iJordan, aza alwa kumkhosi kaNdikhoyo, naza ke noyisa nalithimba elo lizwe, ke wona ze niwanike umhlaba waseGiliyadi, ibe sisabelo sawo.

30. Kambe ke ukuba akayiwelanga iJordan aya kulwa kunye nani, isabelo sawo osifumana kwelaseKanana kunye nani.”

31. Ke wona amaGadi namaRubhen aphendula athi: “Ewe, siya kwenza njengoko athethileyo uNdikhoyo.

Eyasentlango 32