1. Ke kaloku amaRubhen namaGadi ayenemihlambi emikhulu yeenkomo. Athe ke akuwuqonda umhlaba waseJazere naseGiliyadi ukuba uyifanele imfuyo,
2. aya kuMosis nombingeleli uElazare kunye nezinye iinkokheli, acela athi:
3-4. “Lo mhlaba amaSirayeli awuphiwe *nguNdikhoyo – sitsho ezi dolophu: iAtaroti, iDibhon, iJazere, iNimra, iHeshbhon, iElale, iSebham, iNebho, neBheyoni – ungumhlaba olungele iinkomo, ibe ke nathi sineenkomo ezininzi.
5. Ngoko ke kunganjani xa lo mhlaba unikwa thina, ube sisabelo sethu, sime apha kuwo, singabi sayiwela iJordan? Siyakubongoza.”