Eyasentlango 31:40-54 Ibhayibhile (XHO96)

40. Iintombi namantombazana zaba lishumi elinesithandathu lamawaka; umrhumo kaNdikhoyo ke waba ngamashumi amathathu anambini.

41. Ngokomlomo kaNdikhoyo ke uMosis wawugqithisela kuElazare loo mrhumo uwodwa kaNdikhoyo.

42. Ke isahlulo samaSirayeli sasifana, silingana neso samajoni:

43. amakhulu amathathu anamashumi amathathu anesixhenxe amawaka, namakhulu amahlanu eegusha neebhokhwe;

44. amashumi amathathu anesithandathu amawaka eenkomo;

45. amashumi amathathu amawaka namakhulu amahlanu eedonki;

46. kunye neshumi elinesithandathu lamawaka eentombi namantombazana.

47. Kwesi sahlulo ke uMosis wathatha lalinye kumashumi amahlanu amabanjwa, ngokunjalo nakwimfuyo, wanika abaLevi ababesalusa isibingelelo ngokwelizwi likaNdikhoyo.

48. Ke kaloku abaphathi neengqwayi-ngqwayi zamabutho namaqela omkhosi baya kuxelela uMosis,

49. bathi: “Mhlekazi, siwabalile amajoni ebesiphume nawo; akukho nalinye elingekhoyo.

50. Nanku umnikelo ke ophuma kwizinto zegolide esizifumeneyo sonke ngabanye: imixhaka, iibhengile, imisesane, amacici, namaso. Sizinikela ukuba zibe sisicamagushelo sobomi bethu kuNdikhoyo.”

51. Ke uMosis noElazare bayamkela loo golide; yonke ke yayizizihombiso.

52. Uwonke ke loo mrhumo wabaphathi waba kwisituba samakhulu amabini eekhilogram ubunzima.

53. Ke ijoni ngalinye lazithathela amaxhoba.

54. Ngoko ke uMosis noElazare bayithatha igolide leyo, bayisa esibingelelweni, khon' ukuze ibe sisikhumbuzo samaSirayeli kuNdikhoyo.

Eyasentlango 31