38. Zona iinkomo zangamashumi amathathu anesithandathu amawaka; aza ke amashumi asixhenxe anambini aba ngumrhumo kaNdikhoyo.
39. Iidonki ke zona zazingamashumi amathathu amawaka namakhulu amahlanu; waza ke wona umrhumo kaNdikhoyo waba ngamashumi amathandathu ananye.
40. Iintombi namantombazana zaba lishumi elinesithandathu lamawaka; umrhumo kaNdikhoyo ke waba ngamashumi amathathu anambini.
41. Ngokomlomo kaNdikhoyo ke uMosis wawugqithisela kuElazare loo mrhumo uwodwa kaNdikhoyo.