Eyasentlango 31:30-41 Ibhayibhile (XHO96)

30. Ke kwisahlulo samaSirayeli thathani libe linye kumabanjwa angamashumi amahlanu, niqhube kwangaloo mlinganiselo ke nakwimfuyo. Ezi zinto ke zona zinikeni abaLevi abo balusa *isibingelelo.”

31. UMosis noElazare ke bazenza zonke ezi zinto ngokwelizwi likaNdikhoyo.

32. Nalu ke uludwe lwamaxhoba awathinjwa ngumkhosi xa ewonke: amakhulu amathandathu namashumi asixhenxe anantlanu amawaka eegusha neebhokhwe;

33. amashumi asixhenxe anambini amawaka eenkomo;

34. amashumi amathandathu ananye amawaka eedonki;

35. namashumi amathathu anambini amawaka amantombazana kunye neentombi.

36. Ke isahlulo samajoni saba ngamakhulu amathathu namashumi amathathu anesixhenxe samawaka namakhulu amahlanu eegusha neebhokhwe;

37. waza ke umrhumo kaNdikhoyo wangamakhulu amathandathu anamashumi asixhenxe anantlanu.

38. Zona iinkomo zangamashumi amathathu anesithandathu amawaka; aza ke amashumi asixhenxe anambini aba ngumrhumo kaNdikhoyo.

39. Iidonki ke zona zazingamashumi amathathu amawaka namakhulu amahlanu; waza ke wona umrhumo kaNdikhoyo waba ngamashumi amathandathu ananye.

40. Iintombi namantombazana zaba lishumi elinesithandathu lamawaka; umrhumo kaNdikhoyo ke waba ngamashumi amathathu anambini.

41. Ngokomlomo kaNdikhoyo ke uMosis wawugqithisela kuElazare loo mrhumo uwodwa kaNdikhoyo.

Eyasentlango 31