5. *UNdikhoyo wathi kuMosis:
6. “Thatha indlu kaLevi, uyimisele ibe ngabaququzeleli bombingeleli uAron.
7. AbaLevi mabasebenze *esibingelelweni, bancedise ababingeleli, bamele ibandla lamaSirayeli liphela.
8. Mabajongane nazo zonke izixhobo ezisetyenziswa esibingelelweni, wonke umsebenzi bewenzela amaSirayeli ephela.
9. Kuphela umsebenzi wabaLevi kukuba ngabaququzeleli baka-Aron noonyana bakhe.
40-41. *UNdikhoyo wathi kuMosis: “Onke amazibulo angoonyana bamaSirayeli ngawam. Ngoko ke wabhalise onke amazibulo angoonyana bamaSirayeli abudala buyinyanga nangaphezulu. Kambe ke endaweni yawo ndibanga bonke abaLevi – ndinguNdikhoyo kaloku! Ngokunjalo nasendaweni yamazibulo eenkomo zamaSirayeli ndibanga zonke iinkomo zabaLevi.”
42. UMosis ke wawuthobela lo myalelo kaNdikhoyo, wawabala onke loo mazibulo
43. abudala buyinyanga nangaphezulu, aza aba ngamashumi amabini anambini amawaka anamakhulu amabini namashumi asixhenxe anantathu.
44. UNdikhoyo wayala uMosis wathi:
45. “Ngoku ke babekele bucala ubamisele abaLevi, babe ngabam, bathathe indawo yoonyana bamazibulo bamaSirayeli. Ngokunjalo ke neenkomo zabaLevi mazithathe indawo yamazibulo eenkomo zamaSirayeli.
46. Amazibulo angoonyana bamaSirayeli athe kratya ngamakhulu amabini anamashumi asixhenxe anantathu kubaLevi; eli nani badlula ngalo ke malihlawulelwe.
47. Kweli nani ke unyana ngamnye makahlawulelwe iisiliva ezintlanu ngokomlinganiselo ovunyiweyo.
48. Le mali ke mayinikwe uAron noonyana bakhe.”
49. Ngoko ke uMosis wayiqokelela imali yokhululo yokukhulula abo babegqithile kwinani labakhululwe ngabaLevi.
50. Waqokelela iisiliva eziliwaka elinamakhulu amathathu namashumi amathandathu anantlanu. Le mali uyithathe kuwo onke amazibulo,
51. waza wayinikezela kuAron noonyana bakhe njengoko wayeyalelwe nguNdikhoyo.