38. Ke yena uMosis noAron noonyana bakhe bema phambi kwesibingelelo ngasempuma. Umsebenzi wabo yayikukubusa ngaphakathi egumbini eliyingcwele, bemele amaSirayeli. Nabani na ongomnye owenza lo msebenzi wabo uya kubulawa.
39. Lilonke inani labaLevi abudala buyinyanga nangaphezulu abathi babhaliswa nguMosis ngokwelizwi likaNdikhoyo laba ngamashumi amabini anambini amawaka.
40-41. *UNdikhoyo wathi kuMosis: “Onke amazibulo angoonyana bamaSirayeli ngawam. Ngoko ke wabhalise onke amazibulo angoonyana bamaSirayeli abudala buyinyanga nangaphezulu. Kambe ke endaweni yawo ndibanga bonke abaLevi – ndinguNdikhoyo kaloku! Ngokunjalo nasendaweni yamazibulo eenkomo zamaSirayeli ndibanga zonke iinkomo zabaLevi.”
42. UMosis ke wawuthobela lo myalelo kaNdikhoyo, wawabala onke loo mazibulo
43. abudala buyinyanga nangaphezulu, aza aba ngamashumi amabini anambini amawaka anamakhulu amabini namashumi asixhenxe anantathu.
44. UNdikhoyo wayala uMosis wathi:
45. “Ngoku ke babekele bucala ubamisele abaLevi, babe ngabam, bathathe indawo yoonyana bamazibulo bamaSirayeli. Ngokunjalo ke neenkomo zabaLevi mazithathe indawo yamazibulo eenkomo zamaSirayeli.
46. Amazibulo angoonyana bamaSirayeli athe kratya ngamakhulu amabini anamashumi asixhenxe anantathu kubaLevi; eli nani badlula ngalo ke malihlawulelwe.
47. Kweli nani ke unyana ngamnye makahlawulelwe iisiliva ezintlanu ngokomlinganiselo ovunyiweyo.
48. Le mali ke mayinikwe uAron noonyana bakhe.”
49. Ngoko ke uMosis wayiqokelela imali yokhululo yokukhulula abo babegqithile kwinani labakhululwe ngabaLevi.