Eyasentlango 3:32-39 Ibhayibhile (XHO96)

32. Intloko yabaLevi ke yayinguElazare unyana ka-Aron umbingeleli. Yena wayengumveleli kwabo basebenza esibingelelweni.

33. Ke yona indlu kaMerari imi ngemizi kaMali noMushi.

34. Bebonke ke abangamadoda ababudala buyinyanga nangaphezulu abâbhaliswáyo babengamawaka amathandathu namakhulu amabini.

35. Le ndlu ke yona yema ngasentla kwesibingelelo. Inkulu yayo yayinguZuriyeli unyana ka-Abhihayili.

36. Umsebenzi wabo yaba kukujongana nesakhelo sesibingelelo, imiqobo, iintsika, iziseko, nazo zonke izixhobo zaso. Ewe, babejongene nako konke okunxulumene nezi zinto.

37. Ngokunjalo babejongene nezibonda, iintsika, izikhonkwane, neentsontela zenkundla.

38. Ke yena uMosis noAron noonyana bakhe bema phambi kwesibingelelo ngasempuma. Umsebenzi wabo yayikukubusa ngaphakathi egumbini eliyingcwele, bemele amaSirayeli. Nabani na ongomnye owenza lo msebenzi wabo uya kubulawa.

39. Lilonke inani labaLevi abudala buyinyanga nangaphezulu abathi babhaliswa nguMosis ngokwelizwi likaNdikhoyo laba ngamashumi amabini anambini amawaka.

Eyasentlango 3