Eyasentlango 3:30-43 Ibhayibhile (XHO96)

30. Inkulu yayo yayinguElizafan, unyana kaUziyeli.

31. Owabo umsebenzi yayikukujongana netyesi yomnqophiso, itafile, isiphatho-zibane, amaqonga, nezixhobo ezisetyenziswa ngababingeleli egumbini eliyingcwele, nomkhusane wokufihla igumbi eliyingcwele kangcwele. Ewe, babejongene nako konke okunxulumene nezi zinto.

32. Intloko yabaLevi ke yayinguElazare unyana ka-Aron umbingeleli. Yena wayengumveleli kwabo basebenza esibingelelweni.

33. Ke yona indlu kaMerari imi ngemizi kaMali noMushi.

34. Bebonke ke abangamadoda ababudala buyinyanga nangaphezulu abâbhaliswáyo babengamawaka amathandathu namakhulu amabini.

35. Le ndlu ke yona yema ngasentla kwesibingelelo. Inkulu yayo yayinguZuriyeli unyana ka-Abhihayili.

36. Umsebenzi wabo yaba kukujongana nesakhelo sesibingelelo, imiqobo, iintsika, iziseko, nazo zonke izixhobo zaso. Ewe, babejongene nako konke okunxulumene nezi zinto.

37. Ngokunjalo babejongene nezibonda, iintsika, izikhonkwane, neentsontela zenkundla.

38. Ke yena uMosis noAron noonyana bakhe bema phambi kwesibingelelo ngasempuma. Umsebenzi wabo yayikukubusa ngaphakathi egumbini eliyingcwele, bemele amaSirayeli. Nabani na ongomnye owenza lo msebenzi wabo uya kubulawa.

39. Lilonke inani labaLevi abudala buyinyanga nangaphezulu abathi babhaliswa nguMosis ngokwelizwi likaNdikhoyo laba ngamashumi amabini anambini amawaka.

40-41. *UNdikhoyo wathi kuMosis: “Onke amazibulo angoonyana bamaSirayeli ngawam. Ngoko ke wabhalise onke amazibulo angoonyana bamaSirayeli abudala buyinyanga nangaphezulu. Kambe ke endaweni yawo ndibanga bonke abaLevi – ndinguNdikhoyo kaloku! Ngokunjalo nasendaweni yamazibulo eenkomo zamaSirayeli ndibanga zonke iinkomo zabaLevi.”

42. UMosis ke wawuthobela lo myalelo kaNdikhoyo, wawabala onke loo mazibulo

43. abudala buyinyanga nangaphezulu, aza aba ngamashumi amabini anambini amawaka anamakhulu amabini namashumi asixhenxe anantathu.

Eyasentlango 3