1. Nantsi ke ingcombolo ngoonyana baka-Aron noMosis ngexesha *uNdikhoyo ethetha noMosis entabeni iSinayi.
2. UAron wayenoonyana abane: uNadabhi omkhulu, uAbhihu, uElazare, noItamare.
3. Bona ke bathanjiswa bamiselwa baba ngababingeleli.
4. Kambe ke bona ooNadabhi noAbhihu bafela apho kwintlango yeSinayi, ngenxa yokuba benikele ngomlilo ongafanelekanga kuNdikhoyo. Babengekabi nabantwana, ngoko ke uElazare noItamare baba kumsebenzi wobubingeleli ngexesha lika-Aron.
5. *UNdikhoyo wathi kuMosis:
6. “Thatha indlu kaLevi, uyimisele ibe ngabaququzeleli bombingeleli uAron.
7. AbaLevi mabasebenze *esibingelelweni, bancedise ababingeleli, bamele ibandla lamaSirayeli liphela.
8. Mabajongane nazo zonke izixhobo ezisetyenziswa esibingelelweni, wonke umsebenzi bewenzela amaSirayeli ephela.
9. Kuphela umsebenzi wabaLevi kukuba ngabaququzeleli baka-Aron noonyana bakhe.
12-13. “Ngoku abakwaLevi ndibathathile; ngabam. Ekuwabulaleni kwam amazibulo amaJiputa ndazibekela bucala izibulo ngalinye lamaSirayeli ndawonye nawemfuyo yawo. Ngoku ke, endaweni yamazibulo amaSirayeli, ndibanga abakwaLevi; ngabam nqo. NdinguNdikhoyo kaloku.”
17-20. ULevi ke wayenoonyana abathathu: uGershon, uKohati, noMerari. Ngabo ookhokho bezi zindlu zibizwa ngabo. UGershon yena waba noonyana ababini: uLibheni noShimeyi. Bona abakaKohati babebane: uAmram, uIzare, uHebron, noUziyeli. AbakwaMerari ke bona babebabini: uMali noMushi. Bona bangookhokho bezi zindlu zibizwa ngabo.
40-41. *UNdikhoyo wathi kuMosis: “Onke amazibulo angoonyana bamaSirayeli ngawam. Ngoko ke wabhalise onke amazibulo angoonyana bamaSirayeli abudala buyinyanga nangaphezulu. Kambe ke endaweni yawo ndibanga bonke abaLevi – ndinguNdikhoyo kaloku! Ngokunjalo nasendaweni yamazibulo eenkomo zamaSirayeli ndibanga zonke iinkomo zabaLevi.”