2. makayalele amaSirayeli athi: “Ngamathuba amisiweyo ndinikeni amadini akukutya okunikelwa kum ngomlilo, idini elivumba limnandi.
3. “Nanga ke loo madini okutya kufuneka anikelwe ngomlilo kuNdikhoyo: amadini atshiswayo emihla ngemihla, isibini samaxhwane angamaduna angenasiphako.
4. Elokuqala malinikelwe kusasa, lize elesibini linikelwe ngorhatya.
5. Ixhwane ngalinye ke malihambe nomnikelo weenkozo ongumgubo wengqolowa obunzima buyikhilogram enye, udityaniswe nelitha yamafutha omnquma acwengileyo.
6. Elo ke lidini lomlilo lemihla ngemihla; laqala ukwenziwa entabeni iSinayi, ilidini lokutya elivumba likholekileyo kuNdikhoyo.
7. Kumnikelo wewayini ohamba neli dini lokuqala kothathwa ilitha yewayini ithululwe phambi koNdikhoyo.
8. Ngorhatya kothathwa elaa xhwane liseleyo, kuqhutywe njengakusasa; ngokunjalo nangomnikelo othululwayo ohamba nalo. Elo ke lidini lomlilo elivumba liyolileyo kuNdikhoyo.”
9. “*NgoMhla wokuPhumla makwenziwe idini ngesibini samaxhwane angamaduna angenasiphako: iikhilogram ezimbini zomgubo wengqolowa udityaniswe namafutha omnquma ube ngumnikelo weenkozo, ngokunjalo nomnikelo wewayini.
10. Eli dini litshiswayo ke malenziwe ngayo yonke imihla yokuphumla, lisongeza kwidini elitshiswayo lemihla ngemihla elihamba nomnikelo othululwayo.”