Eyasentlango 28:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wathi uMosis

2. makayalele amaSirayeli athi: “Ngamathuba amisiweyo ndinikeni amadini akukutya okunikelwa kum ngomlilo, idini elivumba limnandi.

3. “Nanga ke loo madini okutya kufuneka anikelwe ngomlilo kuNdikhoyo: amadini atshiswayo emihla ngemihla, isibini samaxhwane angamaduna angenasiphako.

4. Elokuqala malinikelwe kusasa, lize elesibini linikelwe ngorhatya.

5. Ixhwane ngalinye ke malihambe nomnikelo weenkozo ongumgubo wengqolowa obunzima buyikhilogram enye, udityaniswe nelitha yamafutha omnquma acwengileyo.

6. Elo ke lidini lomlilo lemihla ngemihla; laqala ukwenziwa entabeni iSinayi, ilidini lokutya elivumba likholekileyo kuNdikhoyo.

Eyasentlango 28