1. *UNdikhoyo wathi uMosis
2. makayalele amaSirayeli athi: “Ngamathuba amisiweyo ndinikeni amadini akukutya okunikelwa kum ngomlilo, idini elivumba limnandi.
3. “Nanga ke loo madini okutya kufuneka anikelwe ngomlilo kuNdikhoyo: amadini atshiswayo emihla ngemihla, isibini samaxhwane angamaduna angenasiphako.
4. Elokuqala malinikelwe kusasa, lize elesibini linikelwe ngorhatya.