2. Ke zona zaya kuMosis noElazare umbingeleli, benamadoda amakhulu ndawonye noSirayeli ephela. Babehlanganisene esangweni *lesibingelelo.
3. Zafika zathi: “Utata wafela entlango engazalanga nyana. Akadibananga neqela likaKora elavukela *uNdikhoyo, koko yena wafela isono sakhe.
4. Ngani ukuba igama likabawo liduke kwaSirayeli ngokuba wayengenanyana? Sincede usinike isabelo nathi phakathi kwamawethu.”
5. Lo mcimbi uMosis wawusa kuNdikhoyo,
6. waza ke yena wathi:
7. “Iintombi zikaZelofehadi zenze isicelo esifanelekileyo, ngoko ke mazinikwe isabelo phakathi kwamawazo. Ilifa likayise maliwele kuzo.
8. “Yithi ke kumaSirayeli: ‘Xa indoda ife ingenanyana, ilifa layo malityiwe yintombi yayo.
9. Ukuba ke ayinantombi, ilifa layo loba lelabantakwayo.
10. Xa kuthe kanti ayinabantakwayo, ilifa malibe lelooyisekazi.
11. Kambe ke ukuba ayinabantakwayo nayisekazi, ilifa elo malinikwe nabani na osesona sizalwana sayo sisondeleyo. Eli siko ke amaSirayeli makalithobele njengomqathango ongundoqo, alenze njengoko ndikuyaleleyo mna Ndikhoyo.’ ”
12. *UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: “Nyuka uqabele intaba iAbharim, ulijonge ulibuke elo lizwe ndiza kulinika amaSirayeli.
13. Wakuba ulibonile ke, nawe uza kufa kwanjengoAron umntakwenu.