Eyasentlango 26:36-45 Ibhayibhile (XHO96)

36. AmaEran ayinzala kaShutela.

37. Amadoda ale mizi ke ayengamashumi amathathu anambini amawaka, mashumi amahlanu.Le ke yinzala kaJosefu.

38. Indlu kaBhenjamin; imizi yayo: amaBhela, ama-Ashbhele, ama-Ahiram,

39. amaShefufam, namaHufam.

40. Ama-Ardi namaNaman yinzala kaBhela.

41. Inani lamadoda ale ndlu yayingamashumi amane anesihlanu amawaka, namakhulu amathandathu.

42. Indlu kaDan: inzala yayo iphuma kumaShuham.

43. Inani lamadoda ale ndlu yayingamashumi amathandathu anane amawaka, makhulu amane.

44. Indlu ka-Ashere; imizi yayo: amaImna, amaIshvi, namaBheriya.

45. AmaHebhere namaMalekiyeli yinzala kaBheriya.

Eyasentlango 26