Eyasentlango 26:29-39 Ibhayibhile (XHO96)

3-4. Ngenene ke bawuthobela loo myalelo, bawaqokelela onke amadoda ayiloo ntanga. Ke kaloku ahlanganisana kuloo mathafa aseMowabhi phesheya kweJordan malunga neJeriko.Lawo ke yayingamaSirayeli awayevela eJiputa:

29. Indlu kaManase: uMakiri unyana kaManase wazala uGiliyadi.

30. Ke yona inzala kaGiliyadi yile: amaIyezere, amaHeleki,

31. ama-Aseriyeli, amaShekem,

32. amaShemida, namaHefere.

33. UZelofehadi unyana kaHefere wayengenanyana, iziintombi zodwa. Nanga amagama azo: uMala, uNoha, uHogela, uMilika, noTiza.

34. Inani lamadoda ale ndlu yayingamashumi amahlanu anambini amawaka, namakhulu asixhenxe.

35. Indlu kaEfrayim; imizi yayo: amaShutela, amaBhekeri, namaTahan.

36. AmaEran ayinzala kaShutela.

37. Amadoda ale mizi ke ayengamashumi amathathu anambini amawaka, mashumi amahlanu.Le ke yinzala kaJosefu.

38. Indlu kaBhenjamin; imizi yayo: amaBhela, ama-Ashbhele, ama-Ahiram,

39. amaShefufam, namaHufam.

Eyasentlango 26