3-4. Ngenene ke bawuthobela loo myalelo, bawaqokelela onke amadoda ayiloo ntanga. Ke kaloku ahlanganisana kuloo mathafa aseMowabhi phesheya kweJordan malunga neJeriko.Lawo ke yayingamaSirayeli awayevela eJiputa:
28. Indlu kaJosefu: Ke yena uJosefu wayenoonyana ababini, uManase noEfrayim.
29. Indlu kaManase: uMakiri unyana kaManase wazala uGiliyadi.
30. Ke yona inzala kaGiliyadi yile: amaIyezere, amaHeleki,
31. ama-Aseriyeli, amaShekem,
32. amaShemida, namaHefere.